


OKUSWITI NOKUMNANDI




















IPINEAPPLE AND ORANGE RICE CREAM

250m1 yeTastic Rice engaphekwanga
(ikomityi enye)
Ilitha enye yobisi (iikomityi ezine)
125m1 yeswekile emhlophe
yakwaHuletts (1/2 sekomityi
5m1 yevanilla essence (itispuni elinye)
250m1 yecream (ikomityi)
250m1 yeorange juice (ikomityi enye)
30m1 yecrnflour (amacephe amabini)
45m1 yeswekile emhlophe yakwaHuletts
(amacephe amathathu)
inkonkxa eyi-410g yephayinaphu
enqunqiweyo
lorenji enye eyahlulahluliweyo
250 ml cream
1. Pheka iTastic Rice ulandela imiyalelo
esepakethini.
2. Galela ubisi, iswekile, ivanilla essence
uziyeke emlilweni osezantsi imizuzu
engama-40 ukuya kuma-45 okanye
kude kuqine kube lucwambu. Mane
uzamisa ukuze kungatshi. Yeka kuphole.
3. Dibanisa incindi yeorenji, icornflour
kunye neswekile uzibilise uzamise zide
ziqine. Zipholise
4. Galela iphayinaphu, iorenji kwisosi
yakho,
5. Qhuqha icream yakho uyifake
kumxube wakho werayisi.
6. Galela isiqingatha secream kwisitya
sakho sokusefela ugalele ngaphezulu
isiqingatha sesosi.
7. Mane ukuphinda phinda oko.
Yanela abantu abathandathu ukuya
kwabasibhozo.
IINGCEBISO

. Le resiphi ingaphindwaphindwa kaninzi.
2. Ukulungiselela amatheko amakhulu le pineapple and orange rice cream ingenziwa kuselithuba.
IPEACH MELB

250m1 yerayisi iTastic engekaphekwa (ikomityi enye) Ilitha yobisi (iikomityi ezine)
irayisi itastic iyonga kuba inyuka
ngokuphindwe kathathu xa iphekiwe kwaye ayifuni kuhlanjululwa okanye
kukhethwa ngaphambi kokuba iphekwe. Ineevithamini kwaye
kufumaneka kuyo iiprotini neeminerali eziyimfuneko
emzimbeni. ITastic yeyona ililngileyo xa kulungiselelwa amatheko
amakhulu kuba kulula ukuyipheka, iyonga, kwaye inokusetyenziswa ezidlweni eziswiti nezimnandi Iswekile iHullets iguqula iikeyiki,
imiqhathane, iipudini nezilebelo zibe luncuthu. AbakwaHullets benza
iintlobo ngeentlobo zeswekile -iHullets White Sugar, Brown Sugar, Caramel Brown Sugar neSoft Brown Sugar. Zonke zinencasa emnandi
yaye unako nokuzisebenzisa
kwiikeyiki ezimdaka
njengegingerbread, ifruit cake
neechololate cookies. Abantu abeze kwitheko lakho baya kukuncoma ngokubhaka ngeswekile iHullets.
125m1 yeswekile emhlophe yakwaHuletts (1/2 sekomityi) 5m1 yevanilla essence (itispuni)
250m1 yecream (ikomityi) Iinkonkxa ezintandathu zeepesika eziziziqingatha
syrup
85m1 zeswekile emhlophe yakwaHuletts (1/2 yekomityi), 125 ml yejam ebomvu (1/2 sekomityi)
1. Landela imiyalelo esepakethini yerayisi uyipheke.
2. Galela ubisi, iswekile kunye nevanilla essence uziyeke emlilweni osezantsi imizuzu engama-40 ukuya kuma-45 okanye de umxube wakho ube lucwambu. Mane uzamisa, zingazokutsha. Wupholise umxube wakho.
3. Qhuqha icream yakho uyifake kumxube wakho opholileyo werayisi. 4. Yenza isyrup yakho ngokubilisa iswekile namanzi. Zamisa de iswekile inyibilike. Nyusa umlilo wakho uyibilise imizuzu emihlanu, ungayizamisi. Galela ijam uphinde ubilise imizuzu emibini ukuya kwemithathu uzamisa. Yipholise. 5. Yahlula irayisi yakho uyigalele kwiiglasi zokutyela ezintandathu. Kwipudding nganye beka ngaphezulu isiqingatha sepesika.
6. Galela ngokulinganayo isosi yakho phezu kweepesika.
7. Usenokuyihombisa ipudding yakho ngenuts ezirhawukileyo ukuba ngaba uyathanda.
8. Faka kwisikhencezisi sakho iyure ngaphambi kokuba unike abantu. Yonela isithandathu sabantu.

IINGCEBISO 1. Le Peach Melba inokongezeka ibe nkulu ngaphandle kwengxaki.
2. Inokulungiswa kwangethuba, xa isenzelwa amatheko amakhulu. Khumbula ukugalela isosi yakho phezu kweepesika xa sele kushiyeke ixesha elincinci ngaphambi kokuba ityiwe ipudding















                                            YITYA OKUYA EGAZINI


Zibalulekile iiprothini emzimbeni wakho ukwakha izihlunu eziqinileyo nokugcina ingqomlo yakho idlamkile ngalo lonke ixesha. Iinkuku zakwaRainbow zineeprothini ezininzi ngoko qinisekisa ukuba usapho lwakho lutya iinkuku zakwaRainbow rhoqo lusitya ukutya kwalo okusempilweni.
IQUICK'N EASY N'TASTY
700g yenkuku yakwaRainbow enqunqwe yangamaqatha anokulumeka
250g yescrew noodles Inkonkxa yewhole kernel corn. Inkonkxa yamakhowa iigreen pepper ezimbni  eziphakathi ngobukhulu
Amatswele amabini aphakathi ngobukhulu
Ipakethi yecream of mushroom soup 50m1 yeoyile
ityuwa nepepile ukongeza incasa. Inyathelo 1. Pheka inoodles ngohlobo ekubhalwe ngalo epakethini. Yenza nesuphu ngohlobo ekubhalwe ngalo epakethini.
Inyathelo 2. Nqunqa igreen pepper yakho eneepeta ibe zizilayi unqunqe netswele. Kudibanise ukupheke ngeoli
kumlilo osezantsi de zithambe. Inyathelo 3. Khupha amanzi kumakhowa akho uwasike abe zizilayi. Zixube zonke izithako ndawonye.
Inyathelo 4. Yiphakele abantu ishushu okanye ipholile.

WHOLE CHICKEN

Inkukhu epheleleyo, icocwe ityuwa nepepile
FiIling:
ltswele, lenziwe izilayi ioylle
5m1 yekheri Amaqanda abilisisiweyo nanqunqisisiweyo 30m1 whole almonds
30m1 raisins
15m1 chopped parsley
Sauce:
Itswele, lenziwe izilayi iiklovu ezintathu zegalikhi, zicujwe 25m1 mild curry powder
5m1 garam masala
60m1 yekhokhonathi
250m1 plain yoghurt
Imyalelo 1. Layita ionti yakho ibe ku 180C.
Umyalelo 2. Fafaza ityuwa ngaphandle nangaphakathi kwenkukhu yakho. Umyalelo 3. Gcada itswele lakho kwintwana yeoyile, lide lithambe
Galela ikheri uqhotse uzamisa ngaxeshanye. Pholisa Umyalelo 4. Galela izithako ezishiyekileyo uzamisise. Fafaza ityuwa nepepile kakuhle ufake umxube wakho kumphakathi wenkukhu. Khusela le ndawo ivelileyo kumphakathi uxhase inkukhu yakho.
Inyathelo 5. Qaba umphandle wenkukhu yakho ngebhotolo emalunga nama 30m1 uze uyibeke inkukhu leyo esityeni seonti.
Inyathelo 6. Ukwenza isosi gcada itswele negalikhi kwioyile encinci zide zithambe Galela izinongo zakho kunye nekhokhonathi uziqhotse uzamisa ngaxeshanye, umzuzu oyileyo komnye. Galela iyogathi uzamise.

Umyalelo 7. Galela isosi yakho phezu kwenkukhu, uyigqume uze uyifake eontini yakho uyiyeke iyure enesiqingatha ukuya kwezimbini okanye de inkukhu yakho ivuthwe, ibebumdakarha ngaphandle. Umyalelo 8. Sisuse isiciko xa sele kushiyeke imizuzu engamashumi amabini ngaphambi kokuba lifike ixesha lokuphekeka kwayo. (inkukhu ilunga xa iijusi zayo zibukeka zicocekile zingekho bomvu xa inculwa ethangeni ngethuba kujongwa ukuba ivuthiwe kusini na).



Isizathu sokuba inyama yenkuku
ITHANDWE LUSAPHO
Sonke siyazi ukuba inyama yenkuku inencasa, wonk'umntu uyayithanda, kodwa ubusazi ukuba inyama yenkuku ilungele wena nosapho lwakho?
IRainbow Chickens zineeprotini! Iiprotini ziyafunwa ngumzimba wakho ukuze zomeleze izihlunu, kwakheke ubuchopho, kungcibeke kuhlaziyeke amalungu omzimba. Lungu ngalinye lomzimba wakho lifuna iiprotini - isixa esitsha mhla ngamnye - kuba azihlali emzimbeni inyama yenkuku ingumthombo omhle wesi sakhi-mzimba. IRainbow Chickens zineevithamini neeminerali!
Inyama yenkuku enencasa iwunika umzimba wakho iiminerali! Ineevithamini ezifuneka mihla le:
Uvithamin A - ulungela inwebu yeliso, yemiphunga, yempumlo neyomqala.
UVithamin B - wakha iiseli zomzimba. l-Iron - ithwala umongomoya osegazini lakho.
IZinc - Incedisa ekunyangeni, inegalelo ekwetyiseni ikwakubangela uthande ukutya. IPhosphorus - iluncedo ekuqiniseni amathambo namazinyo. ICalcium - nayo ikwaluncedo ekuqiniseni amathambo namazinyo lSulphur - yeyenzipho neenwele lRainbow Chickens zinencasa elungela wonk'umntu! Inyama yenkuku inokusetyenziswa ngeendlela ngeendlela ukuze wonge imal'akho - unokuyirosta, uyigrile, uyiqhotse, uyifake iikebabs usenokuyisebenzisa kwiisaladi. Kanti...iintlobo ngeentlobo zeesosi zinokusetyenziswa nenyama yenkuku kwiiresipi ekuphekeni ukutya okuya kuthandwa lusapho lwakho! Inyama yenkuku ikwathambile, kulula ukuyetyisa, iintsana nabantu abadala

banokuyinandipha incasa ethandwayo yenyama yenkuku. IRinbow Chickens zondliwa ngokutya okusemgangathweni -umbona, iimbewu zesunflower neenkozo ezink'impilo
ukuqinisekisa ukuthi iRainbow Chicken oza kuyipha intsapho yakho inencasa, inik'impilo kwaye inezondlo.
IRainbow Chickens zikhethwa ngumama onenkathalo.




BONA XHOSA - June 1995 159
IBONA KIDDIES MIX
Ikhasi Lemizobo

 UMNTWANA
OBALASE LEYO KULE NYANGA -
uNtsaki Nxumalo

 Intsomi kaMakaz uBarbara

Ukhuphiswano lweFunword

UNTSAK1 Nxumalo uyinkwenkwana enesibhozo seminyaka nenenzondelelo yaseMatsapha kwelaseSwazini. Esakube ephumile eMobeni Pre-school uye kufunda ibanga A nebanga B eThubunga Private School.
Kulo nyaka ufunda ibanga lokuqala kwesinye isikolo sodumo iSt Michael Primory School eManzini. Ingqondo yoburharha neyobumbongi imfikele ngethuba esenza ibanga B.


 Iintsana zeBona


BAKHETHISISE ABAHLOBO


 Molweni Bantwana! Kumnandi ukudibana nani kwakhona!
Kudala kwakukho nkwenkwana ithile egama linguSenzo Zuma. Wonwaba kakhulu uSenzo bakuthi abazali bakhe baza kuyohlala edolophini enkulu. Kaloku wayesele ewavile amabali amnandi amalunga nentlalo yasedolophini kwaye naye, njengoko eyinkwenkwana yasezilalini eneminyaka elishumi elinambini ubudala, wayesele eza kuzivela obo buncwane kusoloko kuthethwa ngabo ngabantu.
Kodwa kuthe kusiba yinyanga yesibini ukuya phambili babe ubomi bungasekho mnandi njengakuqala kuSenzo. Abantwana esikolweni babemphatha kakubi kwaye kungekho mntu ufuna ukuba ngumhlobo wakhe.
Ngenye imini wahlangana neqela lamakhwenkwe amahlanu. Ubonakala ulilolo, siXhosanat Awufuni ukuba lilungu leli qela lethu7 ubuze watsho uMandla, nowayengoyena umdala kweli qela.
Ewe, ndingathanda ukuba ngomnye wenu! waphendula ngokungxama okukhulu uSenzo.
Ngaphambi kokuba ukwenze oko, kufuneka uzibonakalise ukuba ungumhlobo wenene, watsho uMandla, ahleka amanye amakhwenkwe. Kulungile! watsho ukuphendula uSenzo. Ndiyakukwenza konke enifuna ndikwenze!
Jonga ke! uyalibona elaa nenekazi linxibe ilokhwe ebomvu lihla ngendlela7 Ndifuna uyokuxhwila isipaji salo uze ubaleke naso kangangoko unako. Siyakudibana nawe evenkileni kwaJabula ngentsimbi yesibini sahlule imali ekuso.
Akazakhange awuthande lo mbono uSenzo kodwa kunjalo akafunanga kuba ngathi uligwala kuloo rnakhwenkwe.
Heyi! Kutheni ungxame kangaka kwedini? Khona isipaji senenekazi sifuna ntoni kuwe? labuza ipolisa limbamba ngengalo uSenzo.
Ngenxa yokothuka akazange abe naqhinga lakuphendula wasuka walibalisela ipolisa elo ibali njengokuba linjalo.
Akulunganga ukufuna ukukholisa abahlobo bakho. Kwaye ngelishwa umsebenzi wam kukubamba, latsho ipolisa.
USenzo walala eziseleni zamapolisa ngobo busuku. Ngemini elandelayo wavela phambi kwenkundla yamatyala esoyika. Waxelela ijaji isizathu sokuxhwila kwakhe isipaji senenekazi wathembisa kananjalo ukuba akasayi kuphinda.
Kuba eli ilityala lakho lokuqala, ndiyakulumkisa ukuba ungaze ube kwakhona. Ukuba uphinde wabanjwelwa kwa esi senzo sinye andiyi kwenza nto yimbi ngaphandle kokukuthumela kwintolongo ekuvalelwa kuyo ulutsha olungevayo, yatsho ijaji ibukeka ingqongqo ebusweni.
De kube lixesha elizayo bantwana nisale kakuhle!





134 BONA XHOSA - June 1995

